Episode Description
Inzala kaYakobi (uSirayeli) yanda kakhulu eYiputa. UFaro omtsha, “owayengamazi” uYosefu, ungena egunyeni yaye, eziva esongelwa ngamaHebhere amaninzi, uwakhobokisa aze asebenze nzima, ngelinge lokuwacinezela. Phezu kwayo nje loo mbandezelo, amaSirayeli anda aze anda. Wandula ke uFaro ayalela abazalisikazi bamaHebhere, uShifra noPuwa, ukuba babulale onke amakhwenkwe angamaHebhere asandul’ ukuzalwa, kodwa abazalisikazi bayamoyika uThixo yaye bayawugatya umyalelo wakhe, belondoloza ubomi. Emva koko uFaro uyalela ukuba zonke iintsana ezingamakhwenkwe zamaHebhere ziphoswe kumlambo umNayile.